-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Números 23:21|
Akaboni butshinga kuYakobi, Akaboni bubi kuSirayeli. UYehova uThixo wakhe unaye, Ukuduma kokumkani kuphakathi kwakhe.
-
22
|Números 23:22|
UThixo umkhupha eYiputa; Amendu akhe anjengawenqu.
-
23
|Números 23:23|
Akukho zihlabo ngoYakobi, Akukho kuvumisa ngoSirayeli. Ngexesha elililo, kuthethwa kuYakobi nakuSirayeli Into ayenzayo uThixo.
-
24
|Números 23:24|
Yabona, abantu besuka njengengonyamakazi; Baziphakamisa njengengonyamÂ’ induna. Abalali phantsi, bade badle okuqwengiweyo, Basele igazi labahlatyiweyo.
-
25
|Números 23:25|
Wathi uBhalaki kuBhileham, Uze ungabi sabaqalekisa, uze ungabi sabasikelela.
-
26
|Números 23:26|
Waphendula uBhileham wathi kuBhalaki, Bendingathethanga na kuwe ndathi, Konke akuthethayo uYehova ndiya kwenza kona?
-
27
|Números 23:27|
Wathi uBhalaki kuBhileham, Khawuze ndikuse ndaweni yimbi; mhlawumbi kolunga emehlweni kaThixo, ukuba undiqalekisele ke bona khona.
-
28
|Números 23:28|
UBhalaki wamsa ke uBhileham encotsheni yePehore, ekhangele enkangala.
-
29
|Números 23:29|
Wathi uBhileham kuBhalaki, Ndakhele apha izibingelelo zibe sixhenxe, undimisele apha iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zezimvu zibe sixhenxe.
-
30
|Números 23:30|
Wenza ke uBhalaki njengoko wathethayo uBhileham, wenyusa kwisibingelelo ngesibingelelo inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4