-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 29:1|
Ngenyanga yesixhenxe, ngolokuqala enyangeni leyo, kobakho intlanganiso engcwele kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza. Yoba ngumhla wokumema ngezigodlo kuni.
-
2
|Números 29:2|
Ize nenze idini elinyukayo, libe livumba elithozamisayo kuYehova; ibe nye inkunzi entsha, ithole lenkomo, nenkunzi yemvu ibe nye, neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo, zibe sixhenxe;
-
3
|Números 29:3|
nomnikelo wazowokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo, nezalululo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu,
-
4
|Números 29:4|
nesahlulo seshumi sibe sinye kuyo imvana enye, kuzo iimvana ezisixhenxe;
-
5
|Números 29:5|
nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono lokunicamagushela:
-
6
|Números 29:6|
ngaphandle kwedini elinyukayo lenyanga, nomnikelo walo wokudla, nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walowokudla, neminikelo yawo ethululwayo, ngokwesiko lawo; libe livumba elithozamisayo, ukudla, kwasemlilweni ke oko kuYehova.
-
7
|Números 29:7|
Ngolweshumi lwaloo nyanga yesixhenxe, kobakho intlanganiso engcwele kuni, niyithobe imiphefumlo yenu. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza;
-
8
|Números 29:8|
nosondeza idini elinyukayo kuYehova, ivumba elithozamisayo; ibe nye inkunzi entsha, ithole lenkomo; nenkunzi yemvu ibe nye; neemvana ezimnyaka mnye zibe sixhenxe; zoba zezigqibeleleyo kuni;
-
9
|Números 29:9|
nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo, nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu inye,
-
10
|Números 29:10|
nesahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana inye, kuzo iimvana ezisixhenxe;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10