-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Números 30:11|
yeva indoda yakhe, yathi cwaka kuye, ayamthiba, mazime zonke izibhambathiso zakhe; makume ukuzikhanyeza kwakhe, abophe ngako umphefumlo wakhe.
-
12
|Números 30:12|
Ukuba ithe indoda yakhe yakwaphula mpela ngomhla wokuva kwayo, yonke into ephume emlonyeni wakhe ngezibhambathiso zakhe, nangokuzikhanyeza komphefumlo wakhe, mayingemi; indoda yakhe iyaphule, uYehova womxolela.
-
13
|Números 30:13|
Zonke izibhambathiso, nezifungo zonke zokuzikhanyeza, zokuthoba umphefumlo, indoda yakhe ingazimisa, indoda yakhe ingazaphula.
-
14
|Números 30:14|
Ukuba indoda yakhe ithe cwaka, yathi tu kuye imihla ngemihla, iyazimisa zonke izibhambathiso zakhe, nokuzikhanyeza kwakhe konke okuphezu kwakhe iya kukumisa; ngokuba yathi cwaka kuye ngomhla wokuva kwayo.
-
15
|Números 30:15|
Ukuba ithe yakwaphula mpela emva kokuva kwayo, yobuthwala ubugwenxa bakhe.
-
16
|Números 30:16|
Yiyo leyo imimiselo, uYehova awamwisela umthetho ngayo uMoses, phakathi kwendoda nomkayo, phakathi koyise nentombi yakhe, isebuncinaneni bayo, isendlwini kayise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7