- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									21
									 
									 
									|Números 32:21|
									bayiwela iYordan bonke abaxhobileyo kuni, behamba phambi koYehova, bada bazigqogqa iintshaba zabo phambi kwabo,									
									    
								 
- 
									
									22
									 
									 
									|Números 32:22|
									leyiswa ilizwe phambi koYehova, nabuya emveni koko: noba msulwa ke kuYehova nakuSirayeli, eli lizwe libe lelenu phambi koYehova.									
									    
								 
- 
									
									23
									 
									 
									|Números 32:23|
									Ke ukuba anithanga nenjenjalo, yabonani, noba nonile kuYehova, nazi ukuba isono senu siya kunifumana.									
									    
								 
- 
									
									24
									 
									 
									|Números 32:24|
									Zakheleni imizi iintsapho zenu, nezibaya zempahla yenu emfutshane, niyenze le nto iphumileyo emlonyeni wenu.									
									    
								 
- 
									
									25
									 
									 
									|Números 32:25|
									Bathetha oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathi,  Abakhonzi bakho baya kwenza njengoko inkosi yethu iwise umthetho.									
									    
								 
- 
									
									26
									 
									 
									|Números 32:26|
									Abantwana bethu, nabafazi bethu, nemfuyo yethu, namaqegu ethu onke, oba khona emizini yaseGiliyadi.									
									    
								 
- 
									
									27
									 
									 
									|Números 32:27|
									Ke abakhonzi bakho baya kuwela, bonke abomkhosi bexhobele imfazwe phambi koYehova, njengoko inkosi yethu itshoyo.									
									    
								 
- 
									
									28
									 
									 
									|Números 32:28|
									UMoses wamwisela umthetho ngabo uElazare umbingeleli,  noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise zezizwe zoonyana bakaSirayeli.									
									    
								 
- 
									
									29
									 
									 
									|Números 32:29|
									Wathi uMoses kubo, Ukuba oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen bathe bawela nani eYordan, bonke bexhobele imfazwe phambi koYehova, laza leyiswa ilizwe phambi kwenu, nobanika ilizwe laseGiliyadi, ukuba libe lelabo.									
									    
								 
- 
									
									30
									 
									 
									|Números 32:30|
									Ke ukuba abathanga bawele bexhobile nani, boba nelifa phakathi kwenu ezweni lakwaKanan.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15