-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Números 34:11|
uhle umda eShefam, uyeeRibhela, ngasempumalanga eAyin; uhle umda uthane nqiphu negxalaba loLwandle lwaseKinerete ngasempumalanga;
-
12
|Números 34:12|
umda uhle iYordan; ukuphuma kwawo kume ngoLwandle lweTyuwa. Loba lilizwe lenu elo, ngokwemida yalo ngeenxa zonke.
-
13
|Números 34:13|
UMoses wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, esithi, Lilo elo ilizwe enolabelwa ngeqashiso, awise umthetho ngalo uYehova wokuba linikwe izizwe ezisithoba ezinesiqingatha sesizwe.
-
14
|Números 34:14|
Ngokuba isizwe soonyana bakaRubhen ngokwezindlu zooyise, nesizwe soonyana bakaGadi ngokwezindlu zooyise, nesiqingatha sesizwe sikaManase, sisesilizuzile ilifa laso.
-
15
|Números 34:15|
Izizwe ezibini nesiqingatha sesizwe zilizuzile ilifa lazo nganeno kweYordan, malunga neYeriko ngasempumalanga phambili.
-
16
|Números 34:16|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
17
|Números 34:17|
Ngawo la amagama amadoda aya kunabela ilizwe ukuba libe lilifa: uElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun.
-
18
|Números 34:18|
Nothabatha isikhulu sibe sinye, isikhulu sibe sinye esizweni, nilabe ilizwe ukuba libe lilifa.
-
19
|Números 34:19|
Ngawo la amagama aloo madoda: esizweni sakwaYuda, nguKalebhi unyana kaYefune;
-
20
|Números 34:20|
esizweni soonyana bakaSimon, nguShemuweli unyana ka-Amihude;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10