-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Números 3:11|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
12
|Números 3:12|
Uyabona, mna ndibathabathile abaLevi phakathi koonyana bakaSirayeli, esikhundleni samazibulo onke avula isizalo phakathi koonyana bakaSirayeli, baba ngabam abaLevi;
-
13
|Números 3:13|
kuba onke amazibulo ngawam, mini ndawabethayo onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndazingcwalisela onke amazibulo kwaSirayeli, ethabathela emntwini esa enkomeni. Oba ngawam, mna Yehova.
-
14
|Números 3:14|
Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, esithi,
-
15
|Números 3:15|
Babale oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise, ngokwemizalwane yabo; yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanganye inyuse, woyibala.
-
16
|Números 3:16|
Wababala ke uMoses ngokomlomo kaYehova, njengoko wamwiselayo umthetho.
-
17
|Números 3:17|
Ngabo aba oonyana bakaLevi ngamagama abo: nguGershon noKehati noNerari.
-
18
|Números 3:18|
Ngawo la amagama oonyana bakaGershon ngokwemizalwane yabo: nguLibheni noShimehi.
-
19
|Números 3:19|
Oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo: nguAmram noItsare, nguHebron noUziyeli.
-
20
|Números 3:20|
Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo: nguMaheli noMushi. Yiyo leyo imizalwane yakwaLevi ngokwezindlu zooyise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10