-
-
Xhosa
-
-
12
|Romanos 11:12|
Ukuba ke isiphoso sabo siba bubutyebi behlabathi, nokuncipha kwabo kuba bubutyebi beentlanga, yobeka phi na inzaliseko yabo?
-
13
|Romanos 11:13|
Kuba ndithetha kuni, zintlanga. Ekubeni okunene mna ndingumpostile weentlanga, ndiyaluzukisa ulungiselelo lwam;
-
14
|Romanos 11:14|
ukuba ndingade ndibakhweletise abenyama yam, ndisindise inxenye yabo.
-
15
|Romanos 11:15|
Kuba xa ukulahlwa kwabo kuluxolelaniso lwehlabathi, koba yintoni na ukwamkelwa kwabo? Akububomi obuphuma kwabafileyo, yini na?
-
16
|Romanos 11:16|
Ukuba ke intlahlela ingcwele, ikwanjalo nentlama; ukuba ke ingcambu ingcwele, akwanjalo namasebe.
-
17
|Romanos 11:17|
Ke ukuba inxenye yamasebe yaxhuzulwa, wathi ke wena, ungumnquma wasendle nje, wamiliselwa phakathi kwawo, waba lidlelane nengcambu nokutyeba komnquma:
-
18
|Romanos 11:18|
musa ukuwaqhayisela amasebe; ke ukuba uyawaqhayisela, yazi ukuba asinguwe oyithweleyo ingcambu; yingcambu ethwele wena.
-
19
|Romanos 11:19|
Uya kuthi ngoko, Axhuzulwa amasebe, ukuze mna ndimiliselwe.
-
20
|Romanos 11:20|
Utyaphile; axhuzulwa ngokungakholwa, ke wena umi ngokholo; musa ukukratsha, yoyika.
-
21
|Romanos 11:21|
Kuba, xa uThixo angawaconganga awasemvelweni amasebe, lumka hleze angakucongi nawe lo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13