-
-
Xhosa
-
-
3
|Romanos 10:3|
Kuba bathe, bengabazi ubulungisa bukaThixo, befuna nokumisa obabo ubulungisa, ababululamela ubulungisa bukaThixo.
-
4
|Romanos 10:4|
Kuba intsingiselo yomthetho nguKristu, ukuze abe bubulungisa kubo bonke abakholwayo.
-
5
|Romanos 10:5|
Kuba uMoses ubulungisa basemthethweni uthi ukububhala, Umntu ozenzileyo ezi zinto uya kuphila zizo.
-
6
|Romanos 10:6|
Ke bona obaselukholweni ubulungisa buthetha ngolu hlobo, Musa ukuthi entliziyweni yakho, Ngubani na oya kunyuka aye emazulwini ukuba ahlise uKristu?
-
7
|Romanos 10:7|
nokuthi, Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni, ukuba anyuse uKristu kwabafileyo?
-
8
|Romanos 10:8|
Buthini na ke? Buthi, Ilizwi eli likufuphi kuwe, emlonyeni wakho nasentliziyweni yakho: elo ke lilizwi lokholo, eli sivakalisa lona.
-
9
|Romanos 10:9|
Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.
-
10
|Romanos 10:10|
Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa; avume ke ngomlomo, ukuze asindiswe.
-
11
|Romanos 10:11|
Kuba isibhalo sithi, Bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.
-
12
|Romanos 10:12|
Kuba akukho kwahluka kwamYuda namGrike; kuba ikwayiloo Nkosi eyiNkosi yabo bonke, ibubutyebi kubo bonke abayinqulayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10