-
-
Xhosa
-
-
6
|Romanos 9:6|
Ke, xa nditshoyo, andithethi nto nje, ngokungathi ilizwi likaThixo liphalele. Kuba asingabo bonke abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli;
-
7
|Romanos 9:7|
kananjalo abathe, ngakuba beyimbewu ka-Abraham, baba ngabantwana bonke; kusuke kwathiwa, Imbewu yakho iya kubizwa ngoIsake;
-
8
|Romanos 9:8|
oko kukuthi, asingabantwana benyama abangabantwana bakaThixo; ngabantwana bedinga ababalelwa ekuthini bayimbewu.
-
9
|Romanos 9:9|
Kuba lilo eli ilizwi ledinga, Ngeli xesha nyakenye ndiya kuza, waye uSara eya kuba nonyana.
-
10
|Romanos 9:10|
Alipheli apho ke; kwathi nakuRebheka, akubonÂ’ ukuba ukhawule ngamnye, ngoIsake ubawo wethu,
-
11
|Romanos 9:11|
nakuba abantwana babengekazalwa, bengekenzi nto nelungileyo nembi, ukuze ingqibo kaThixo ngokonyulo ihlale ihleli, ingengokwasemisebenzini, ingokwalowo ubizayo:
-
12
|Romanos 9:12|
kwathiwa kuye, Omkhulu uya kukhonza komnci;
-
13
|Romanos 9:13|
njengokuba kubhaliwe kwathiwa, UYakobi ndamthanda, ke uEsawu ndamthiya.
-
14
|Romanos 9:14|
Sithini na ke ngoko? Kukho ukuswela kulungisa kusini na kuye uThixo? Nakanye!
-
15
|Romanos 9:15|
Kuba esithi kuMoses, Ndiya kuba nenceba kosukuba ndinenceba kuye, ndibe netarhu kosukuba ndinetarhu kuye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7