-
-
Xhosa
-
-
16
|Romanos 9:16|
Ngoko ke asikokothandayo, kanjalo asikokobalekayo; kokukaThixo onenceba.
-
17
|Romanos 9:17|
Kuba isibhalo sithi kuFaro, Ndakuvelisela yona le nto, yokuba ndiwabonakalalisele kuwe amandla am, nokuthi laziswe igama lam kulo lonke ihlabathi.
-
18
|Romanos 9:18|
Ngoko ke unenceba kwathanda ukumenzela inceba, athi ke athandayo amenze lukhuni.
-
19
|Romanos 9:19|
Uya kuthi kum ngoko, Usasolelani na ke? Kuba ngubani na omelana necebo lakhe?
-
20
|Romanos 9:20|
Ehla ke, mntundini! Ungubani na wena, ukuba uphendulane noThixo? Into exonxiweyo ingatsho na kumxonxi Wayo ukuthi, Yini na ukuba undenjenje ukundenza?
-
21
|Romanos 9:21|
Khona akanagunya na umbumbi wodongwe ukwenza, ngadongwe lwambumba-nye, esinye isitya sibe sesembeko, nesinye sibe sesingesambeko?
-
22
|Romanos 9:22|
Hi, ukuba ke uThixo, ethanda ukubonakalalisa ingqumbo yakhe, nokwazisa amandla akhe, wathwala enokuzeka kade okukhulu izitya zengqumbo, zilungiselwe intshabalalo;
-
23
|Romanos 9:23|
ukuze abazise ubutyebi bozuko lwakhe ezityeni zenceba, abezilungisele uzuko ngenxa engaphambili;
-
24
|Romanos 9:24|
ezi wazibizayo, kwathina aba, kungekuwo amaYuda odwa, kukwiintlanga nazo?
-
25
|Romanos 9:25|
Njengokuba esithi nakwekaHoseya, Ndiya kubabiza abangebantu bam ngokuba ngabantu bam; Nongathandiweyo, ngokuba ngothandiweyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7