-
-
Xhosa
-
-
26
|Romanos 9:26|
Kwakuya kuthi, apho kwabe kusithiwa kubo, Aningabantu bam nina, Babizwe apho ngokuthi, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.
-
27
|Romanos 9:27|
Ke uIsaya udanduluka ngoSirayeli, esithi, Nangona inani loonyana bakaSirayeli lingangentlabathi yaselwandle, ngamasalela odwa aya kusindiswa;
-
28
|Romanos 9:28|
kuba elifeza ilizwi, aligqibe ngobulungisa; ngokuba iNkosi iya kwenza ilizwi layo phezu komhlaba, ilifinyeze.
-
29
|Romanos 9:29|
Kwanjengokuba uIsaya ebetshilo ngenxa engaphambili ukuthi, Ukuba iNkosi yemikhosi ibingasishiyelanga mbewu, Ngesibe saba njengeSodom, ngesibe senziwa safana neGomora.
-
30
|Romanos 9:30|
Sithini na ke ngoko? Sithi, iintlanga ebezingasukeli bulungisa, zabubamba ubulungisa, ubulungisa ke baselukholweni;
-
31
|Romanos 9:31|
kodwa yena uSirayeli, obesukela umthetho wobulungisa, akafikelelanga emthethweni wobulungisa.
-
32
|Romanos 9:32|
Ngani na? Ngokuba ukusukela kwakhe kwaye kungengokwaselukholweni; kwaye kungathi kungokwasemisebenzini yomthetho. Kuba babetheka elityeni eli lokubetheka,
-
33
|Romanos 9:33|
njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lokubetheka, Iliwa lesikhubekiso; bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.
-
1
|Romanos 10:1|
Bazalwana, inkolelo yeyam intliziyo, nesikhungo sam kuye uThixo, ngenxa yamaSirayeli, sesokuba asindiswe.
-
2
|Romanos 10:2|
Kuba ndiyabangqinela ukuba banokumzondelela uThixo, koko bengamzondeleli ngokokwazi okukuko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13