-
-
Xhosa
-
-
35
|Romanos 8:35|
Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na?
-
36
|Romanos 8:36|
Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yakho sibulawa imini yonke; Sibalelwe ekuthini sizizimvu zokuxhelwa.
-
37
|Romanos 8:37|
Kanti ke kwezo zinto zonke, sisuka soyise sigqithisele, ngaye owasithandayo.
-
38
|Romanos 8:38|
Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo,
-
39
|Romanos 8:39|
nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.
-
1
|Romanos 9:1|
Ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki, sibe nesazela sam sindingqinela ndiseMoyeni oyiNgcwele,
-
2
|Romanos 9:2|
ukuba ndineentlungu kakhulu, nentuthumbo enkulu engapheliyo, entliziyweni yam.
-
3
|Romanos 9:3|
Kuba bendingade ndinqwenele ukusingelwa phantsi mna ngokwam, ndahlukaniswe naye uKristu, ngenxa yabazalwana bam, abayimizalwane yam ngokwenyama,
-
4
|Romanos 9:4|
abangamaSirayeli bona; ekukokwabo ukwenziwa oonyana, nokuzukiswa, nokuphiwa iminqoqhiso, nokuwiswa komthetho, nenkonzo kaThixo, namadinga;
-
5
|Romanos 9:5|
abangababo ooyise; awaphuma kubo uKristu ngokwenyama, uThixo ongophezu konke, engowokubongwa kude kube ngunaphakade. Amen.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13