-
-
Xhosa
-
-
2
|Romanos 11:2|
UThixo akabagibanga bona abantu bakhe, abebazi ngenxa engaphambili. Okanye aniyazi na indawo ethetha ngoEliya esibhalweni, ukumangalela kwakhe amaSirayeli kuThixo, esithi,
-
3
|Romanos 11:3|
Nkosi, abaprofeti bakho ababulele, nezibingelelo zakho azichithile; mna ndisele ndedwa; afuna ke ubomi bam?
-
4
|Romanos 11:4|
Sisuka esikaThixo isihlabo sithini na kuye? Sithi, Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe, angagobanga dolo kuBhahali wona.
-
5
|Romanos 11:5|
Ngokunjalo ke ngoko, nakweli xesha lakalokunje, kukho amasalela ngokonyulo lobabalo.
-
6
|Romanos 11:6|
Ukuba ke kungobabalo, akusengamisebenzi; okanye ubabalo alungebi saba lubabalo.
-
7
|Romanos 11:7|
Kuthiweni na ngoko? Kuthiwe, Khona oko akungxameleyo amaSirayeli akakufumananga; ke abanyuliweyo bakufumana, bathi ke abanye baqaqadekiswa;
-
8
|Romanos 11:8|
njengokuba kubhaliwe kwathiwa, UThixo ubanike umoya wokuqoba, amehlo okuba bangaboni, neendlebe zokuba bangeva, kwada kwaba yimini yanamhla.
-
9
|Romanos 11:9|
Kanjalo uDavide uthi, Isithebe sabo masibe sisibatha, nesihogo sokubambisa, Nesikhubekiso, nesiphindezelo kubo:
-
10
|Romanos 11:10|
Makenziwe abe mnyama amehlo abo, ukuba bangaboni; Nomhlana wabo wugobe amaxa onke.
-
11
|Romanos 11:11|
Ndithi ngoko, Bakhubeka ukuze bawe na? Nakanye! Kuthe ngesiphoso sabo, usindiso lwafika kuzo iintlanga, ukuze zibakhweletise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13