-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Jó 16:1|
Waphendula uYobhi, wathi,
-
2
|Jó 16:2|
Ndive izinto ezininzi ezinjengezo; Ningabathuthuzeli abayindinisa, nonke niphela.
-
3
|Jó 16:3|
Aphelile na amazwi angumoya? Uxhokonxwa yintoni na, ukuba uphendule?
-
4
|Jó 16:4|
Nam ndibe ndingathethayo njengani. Ukuba umphefumlo wenu ubusendaweni yomphefumlo wam. Ndibe ndinganiqukela ukuthetha, Ndinihlunguzele intloko;
-
5
|Jó 16:5|
Ndibe ndinganikhaliphisa ngomlomo wam, Nokukhuza komlomo wam kulunqande usizi lwenu.
-
6
|Jó 16:6|
Nokuba ndithe ndathetha, awunqandwa umvandedwa wam; Nokuba ndithe ndayeka, kumka ntoni na kum?
-
7
|Jó 16:7|
Hayi, ngoku undidinisile; Uliphanzisile lonke ibandla lam.
-
8
|Jó 16:8|
Undintshwenyisile, kwaba lingqina oko; Kwandimela ukubhitya kwam, Kwaphendula ebusweni bam.
-
9
|Jó 16:9|
Umsindo wakhe wandiqwenga, wanditshutshisa; Uditshixizele amenyo akhe; Engumbandezeli wam, uwenze abukhali amehlo akhe kum.
-
10
|Jó 16:10|
Bandakhamele umlomo; Ngengcikivo bandibetha ezidleleni; Bonke bayathelelana ukundichasa.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22