-
Leia por capítulos
-
Xhosa -
-
1
|Jó 25:1|
Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
-
2
|Jó 25:2|
Ulawulo nonkwantyiso lunaye; Wenza uxolo ezindaweni zakhe eziphezulu.
-
3
|Jó 25:3|
Inokubalwa na imikhosi yakhe? Ngubani na ongaphunyelwayo kukukhanya kwakhe?
-
4
|Jó 25:4|
Angathini na umntu ukuba lilungisa kuThixo? Angathini na ukuba ngoqaqambileyo ozelwe ngumfazi?
-
5
|Jó 25:5|
Yabona, nenyanga ayimhlophe, Neenkwenkwezi aziqaqambile, emehlweni akhe.
-
6
|Jó 25:6|
Ubeke phi na ke umntu, impethu le, Nonyana ka-Adam, umbungu lo?
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22