-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Jó 7:1|
Akaphume mkhosi na ehlabathini umntu? Ayinjengemihla yomqeshwa na imihla yakhe?
-
2
|Jó 7:2|
Njengesicaka esibe sizonda umthunzi, Njengomqeshwa olinde umvuzo wakhe?
-
3
|Jó 7:3|
Ndenjenjalo ukwamkeliswa iinyanga ezinenkohliso, Ndabalelwa nobusuku bobubi.
-
4
|Jó 7:4|
Ndakuba ndilele phantsi, ndithi, Ndiya kuvuka nini na? Ukuhlwa kolukile, Ndidikiwe kukuqikaqikeka kude kuse.
-
5
|Jó 7:5|
Inyama yam yambeswe iimpethu namagada omhlaba; Ulusu lwam lungamaqhula, lubhiqiza.
-
6
|Jó 7:6|
Imihla yam ikhawuleza ngaphezu komkhonjana womluki, Iphela kungekho themba.
-
7
|Jó 7:7|
Khumbula ukuba bungumoya ubomi bam; Iliso lam aliyi kubuya likubone okulungileyo.
-
8
|Jó 7:8|
Aliyi kuba sandalama iliso londibonileyo; Amehlo akho ekum, ndingabikho.
-
9
|Jó 7:9|
Liphelile ilifu, limkile; Unjalo ohla aye kwelabafileyo, akenyuki.
-
10
|Jó 7:10|
Akabi sabuyela endlwini yakhe, Ingabi samazi indawo yakhe.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22