-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Jó 31:1|
Ndiwamisele amehlo am umnqophiso; Ndingathini na ukuqwalasela entombini?
-
2
|Jó 31:2|
Besiya kuba yini na isahlulelo sikaThixo esivela phezulu, Nelifa loSomandla elivela ezindaweni eziphakamileyo?
-
3
|Jó 31:3|
Ukusindeka asikokogqwethayo yini na, Neshwangusha asilelabenzi bobutshinga yini na?
-
4
|Jó 31:4|
Akaziboni na yena iindlela zam, Awabale onke amabanga am?
-
5
|Jó 31:5|
Ukuba ndibe ndihamba nokhohlakeleyo, Lwangxamela inkohliso unyawo lwam,
-
6
|Jó 31:6|
Makandilinganise esikalini sobulungisa, Akwazi uThixo ukugqibelela kwam.
-
7
|Jó 31:7|
Ukuba ebethe gu bucala amabanga am endleleni, Yalandela amehlo am intliziyo yam, Sanamathela isisihla ezandleni zam:
-
8
|Jó 31:8|
Mandihlwayele, kudle omnye, Iingcambu zabaphume kum zincothulwe.
-
9
|Jó 31:9|
Ukuba ibihendekile intliziyo yam ngenxa yomkamntu, Ndalalela esangweni lommelwane wam,
-
10
|Jó 31:10|
Umkam makasilele omnye umntu, Kuguqe abanye phezu kwakhe.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22