-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Jó 23:1|
Waphendula uYobhi, wathi,
-
2
|Jó 23:2|
Nanamhlanje inkalazo yam ineenkani, Isandla sam sinzima phezu kokugcuma kwam.
-
3
|Jó 23:3|
Yoo! Andaba bendisazi apho ndingamfumana khona, Ndize esihlalweni sakhe!
-
4
|Jó 23:4|
Bendiya kulicacisa phambi kwakhe ityala lam, Ndiwuzalise umlomo wam ngeziganeko.
-
5
|Jó 23:5|
Andaba bendikwazi ukuthetha abeya kundiphendula ngako, Ndiyiqonde into abeya kuyithetha kum.
-
6
|Jó 23:6|
Wobambana nam ngamandla amakhulu na? Hayi! Kodwa ke wondigqala.
-
7
|Jó 23:7|
Oko othe tye ubeya kubonisana naye, Ndisinde kumgwebi wam, kuphele.
-
8
|Jó 23:8|
Yabona, ndisinga phambili, angabikho; Nangasemva, ndingamnakani;
-
9
|Jó 23:9|
Ngasekhohlo, ekusebenzeni kwakhe, ndingamalami; Xa atyekela ngasekunene, ndingamboni.
-
10
|Jó 23:10|
Kuba uyayazi indlela enam; Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22