-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Jó 33:1|
Kodwa khawukuve, Yobhi, ukuthetha kwam, Uwabekele indlebe amazwi am onke.
-
2
|Jó 33:2|
Khawubone, ndiwuvulile umlomo wam, Luyathetha ulwimi lwam ekhuhlangubeni lam.
-
3
|Jó 33:3|
Akukuthi tye kwentliziyo yam amazwi am; Ukwazi komlomo wam akuthetha kanyulu.
-
4
|Jó 33:4|
UMoya kaThixo wandenza, Nokuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi.
-
5
|Jó 33:5|
Ukuba unako, ndiphendule; Yakha uluhlu amazwi phambi kwam; misa.
-
6
|Jó 33:6|
Uyabona, njengawe ndingokaThixo; Ndacatshulwa eludongweni nam.
-
7
|Jó 33:7|
Yabona, ukothusa kwam akuyi kukudandathekisa; Nokushicilela kwam akuyi kuba nzima phezu kwakho.
-
8
|Jó 33:8|
Okunene, uthethe ezindlebeni zam, Ndaliva ilizwi lokukhuluma, lisithi,
-
9
|Jó 33:9|
Ndiqaqambile, andinalukreqo; Ndiguxiwe, andinabugwenxa.
-
10
|Jó 33:10|
Yabona, ufuna izizekabani zokuthibana nam, Uthi ndilutshaba lwakhe.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22