-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Jó 22:1|
Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,
-
2
|Jó 22:2|
Umfo unokumnceda na uThixo? Hayi bo! Uzinceda ngokwakhe oqiqayo.
-
3
|Jó 22:3|
Kumnandi na kuSomandla, xa ulilungisa? Kuyinzuzo na kuye, ukuba uyazigqibelelisa iindlela zakho?
-
4
|Jó 22:4|
Uya kukohlwaya na ngenxa yokoyika kwakho uThixo, Aye nawe ematyaleni?
-
5
|Jó 22:5|
Ububi bakho abubukhulu na? Ubugwenxa bakho asibobungaphele ndawo na?
-
6
|Jó 22:6|
Kuba ububambise umzalwana wakho ngelize, Ububahluba abaze iingubo.
-
7
|Jó 22:7|
Ubungamsezi manzi otyhafileyo, Olambileyo ubumwimba ukutya.
-
8
|Jó 22:8|
Ke indoda enengalo, belilelayo ilizwe; Obekekileyo ubehlala kulo.
-
9
|Jó 22:9|
Abahlolokazi ububandulula belambatha, Neengalo zeenkedama ubuzityumza.
-
10
|Jó 22:10|
Ngenxa yoko imigibe ikujikelezile, Ukhwankqiswe ngesiquphe kukunkwantyiswa.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21