-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Jó 5:1|
Khawubize kambe, ukuba ukho na owokuphendula. Uya kubheka kuwuphi na kwabangcwele?
-
2
|Jó 5:2|
Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane, Nekhwele liyambulala osisiyatha.
-
3
|Jó 5:3|
Ndimbonile mna osisimathane emila; Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe.
-
4
|Jó 5:4|
Bakude nosindiso abantwana bakhe, Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli;
-
5
|Jó 5:5|
Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe, Balurhole naseluthangweni lwesiphingo; Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo.
-
6
|Jó 5:6|
Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini, Nobubi abuntshuli emhlabeni;
-
7
|Jó 5:7|
Hayi, umntu uzalelwa ububi, Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo.
-
8
|Jó 5:8|
Ke mna bendiya kusingisa kuThixo, Indawo yam ndiyibhekise kuThixo,
-
9
|Jó 5:9|
Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa;
-
10
|Jó 5:10|
Ulonika imvula phezu kobuso bomhlaba, Ase amanzi phezu kwamaphandle,
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21