-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Jó 32:1|
Ayeka loo madoda omathathu ukumphendula uYobhi; kuba ubelilungisa emehlweni akhe.
-
2
|Jó 32:2|
Wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, owemizalwane yakwaRam; wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo.
-
3
|Jó 32:3|
Wavutha kubahlobo bakhe abathathu umsindo wakhe, ngenxa enokuba bengafumananga kumphendula, phofu bemgwebile uYobhi.
-
4
|Jó 32:4|
Ke kaloku uElihu ubesalindisile kuYobhi ngamazwi, ngokuba babebadala kunaye ngemihla.
-
5
|Jó 32:5|
Wabona uElihu, ukuba akukho mpendulo emlonyeni waloo madoda mathathu, wavutha ke umsindo wakhe.
-
6
|Jó 32:6|
Wasusela uElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, wathi, Ndimncinane mna ngemihla, Ke nina niziingwevu; Ngenxa yoko ndakhwelela phaya, ndoyika ukunityela ukwazi kwam.
-
7
|Jó 32:7|
Ndathi, Imihla mayithethe, Iminyaka emininzi yazise ubulumko.
-
8
|Jó 32:8|
Noko ngumoya osemntwini, Nokuphefumla kukaSomandla okubaqondisayo.
-
9
|Jó 32:9|
Ukulumka akunabakhulu, Ukuqonda okufaneleyo akunamadoda makhulu odwa.
-
10
|Jó 32:10|
Ngako oko ndithi, Phulaphula kum, Ndokutyela ukwazi kwam nam.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22