-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
21
|Jó 22:21|
Khawenze ubuhlobo naye, ube noxolo; Ngaloo nto wozelwa kokulungileyo.
-
22
|Jó 22:22|
Khawamkele umyalelo emlonyeni wakhe, Ubeke iintetho zakhe entliziyweni yakho.
-
23
|Jó 22:23|
Ukuba uthe wabuyela kuSomandla, uya kwakhiwa. Ukuba uthe wabubeka kude ubugqwetha ezintenteni zakho,
-
24
|Jó 22:24|
Walibeka eluthulini ilitye legolide, Wayibeka eluhlalwini lwemilanjana neyakwaOfire:
-
25
|Jó 22:25|
USomandla woba lilitye legolide kuwe, Nesilivere ebengezelayo kakhulu.
-
26
|Jó 22:26|
Ngokuba uya kwandula ukuziyolisa ngoSomandla, Ubuphakamisele kuThixo ubuso bakho.
-
27
|Jó 22:27|
Wothandaza kuye, eve, Uzizalise izibhambathiso zakho;
-
28
|Jó 22:28|
Usongele into, ifezeke kuwe; Ezindleleni zakho kukhanye, kube mhlophe.
-
29
|Jó 22:29|
Xa zithe zehla, wothi, Phezulu! Amsindise omehlo aqondele phantsi.
-
30
|Jó 22:30|
Uya kusindisa nongemsulwa, Asizwe bubunyulu bezandla zakho.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22