-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
11
|Jó 41:11|
Ngubani na ondiphangeleyo, wandinika ukuba ndibuyekeze? Okuphantsi kwamazulu onke kokwam.
-
12
|Jó 41:12|
Andiyi kuthi tu ngamalungu ayo, Neendawo zobugorha bayo, nezimbo zezintlu zayo.
-
13
|Jó 41:13|
Ngubani na onokuwutyhila umphambili wesambatho sayo? Ezintlwini ezimbini zemihlathi yayo, ngubani na onokuya?
-
14
|Jó 41:14|
Iingcango zobuso bayo, ngubani na onokuzivula? Ngeenxa zonke emazinyweni ayo sisothuso.
-
15
|Jó 41:15|
Iliqhayiya imiqela yeengweletshetshe zayo, Zivalwe ngetywina eliqinileyo.
-
16
|Jó 41:16|
Zisondelene enye nenye, Akungeni moya phakathi kwazo.
-
17
|Jó 41:17|
Zinamathelene enye kwenye, Zibambene, zingabi nakwahlukana.
-
18
|Jó 41:18|
Ukuthimla kwayo kukhupha imitha, Namehlo ayo anjengeenkophe zesifingo.
-
19
|Jó 41:19|
Emlonyeni wayo kuphuma izikhuni zomlilo ezitshangazayo, Kuthaphuke iintlantsi zomlilo.
-
20
|Jó 41:20|
Emathatheni ayo kuphuma umsi, Njengowongxawu okhwezelwa ngemizi.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21