-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
32
|Jó 41:32|
Emva kwayo kukhanya indlela; Anga amanzi anzongonzongo zizimvi.
-
33
|Jó 41:33|
Ehlabathini akukho nto ifana nayo, Le yenziwayo ayaba nakuqhiphuka umbilini.
-
34
|Jó 41:34|
Ibona konke okuphakamileyo; Ingukumkani yona kwizilo zonke ezinyalasayo.
-
1
|Jó 42:1|
UYobhi wamphendula uYehova, wathi,
-
2
|Jó 42:2|
Ndiyazi ukuba unako ukufeza konke, Akunqatyelwa nto uyicingileyo.
-
3
|Jó 42:3|
Ngubani na lo usithe icebo engenakwazi? Ngoko ke ndithethe ndingaziqondi Izinto ezibalulekileyo kum, ndingazazi.
-
4
|Jó 42:4|
Khawuphulaphule, ndithethe mna; Ndiya kubuza kuwe, undazise.
-
5
|Jó 42:5|
Bendikuva ukukuva ngendlebe, Kungoku iliso lam likubonile.
-
6
|Jó 42:6|
Ngenxa yoko ndiyazicekisa, ndizohlwaye, Ndiseluthulini naseluthuthwini.
-
7
|Jó 42:7|
Ke kaloku kwathi, emva kokuba uYehova ewathethile la mazwi kuYobhi, wathi uYehova kuElifazi wakwaTeman, Umsindo wam uyavutha kuwe, nakubamelwane bakho bobabini; kuba anithethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21