-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Reyes 11:11|
Wathi ke uYehova kuSolomon, Ngenxa enokuba unaloo nto, akwawugcina umnqophiso wam, nemimiselo yam endikumiseleyo, okwenene, ndiya kubukrazula ubukumkani kuwe, ndibunike umkhonzi wakho.
-
12
|1 Reyes 11:12|
Kodwa ke andiyi kukwenza oko ngemihla yakho, ngenxa kaDavide uyihlo; ndiya kubukrazula esandleni sonyana wakho.
-
13
|1 Reyes 11:13|
Kodwa andiyi kubukrazula bonke ubukumkani; ndomnika isizwe esinye unyana wakho, ngenxa kaDavide umkhonzi wam, nangenxa yeYerusalem endiyinyulileyo.
-
14
|1 Reyes 11:14|
Ke uYehova wamvelisela uSolomon utshaba olunguHadade umEdom; yena ubengowembewu yokumkani kwaEdom.
-
15
|1 Reyes 11:15|
Kwakuthe, oko uDavide ebekwaEdom, ekunyukeni kukaYowabhi umthetheli-mkhosi eye kungcwaba abahlatyiweyo, waxabela yonke into engamadoda kwaEdom
-
16
|1 Reyes 11:16|
(ngokuba wahlala iinyanga zantandathu khona uYowabhi namaSirayeli onke, wada wayinqumla yonke into engamadoda kwaEdom);
-
17
|1 Reyes 11:17|
wabaleka uHadade, yena namaEdom akubakhonzi boyise kunye naye, baya eYiputa; ke uHadade waye eyinkwenkwana oko.
-
18
|1 Reyes 11:18|
Besuka kwaMidiyan, beza eParan; bathabatha amadoda eParan, ahamba nabo; beza eYiputa kuFaro, ukumkani waseYiputa. Yena ke wamnika indlu, wathi makazuze ukudla, wamnika ilizwe.
-
19
|1 Reyes 11:19|
UHadade wababalwa kakhulu nguFaro; wamnika umfazi, umsakwabo bomkakhe, umsakwabo boTapenes inkosikazi.
-
20
|1 Reyes 11:20|
Ke umsakwabo boTapenes wamzalela uGenubhati, unyana wakhe; uTapenes wamlumlela endlwini kaFaro, uGenubhati waba ngowendlu kaFaro phakathi koonyana bakaFaro.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34