-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Reyes 15:1|
Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYarobheham unyana kaNebhati, waba ngukumkani uAbhiyam kwaYuda.
-
2
|1 Reyes 15:2|
Waba neminyaka emithathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom.
-
3
|1 Reyes 15:3|
Wahamba ezonweni zonke zikayise, awa zenzayo ngaphambi kwakhe; yayingaphelele intliziyo yakhe kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise.
-
4
|1 Reyes 15:4|
Noko wathi uYehova uThixo wakhe, ngenxa kaDavide, wamnika isibane eYerusalem, sokumisa unyana wakhe emva kwakhe, sokumisa iYerusalem;
-
5
|1 Reyes 15:5|
ekubeni uDavide wakwenzayo okuthe tye emehlweni kaYehova, akatyeka kuko konke awawisayo ngako umthetho, yonke imihla yobomi bakhe, kwaba semcimbini kaUriya umHeti wodwa.
-
6
|1 Reyes 15:6|
Yaye iyimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham yonke imihla yobomi bakhe.
-
7
|1 Reyes 15:7|
Ezinye izinto zika-Abhiyam, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Yaye iyimfazwe ke phakathi koAbhiyam noYarobheham.
-
8
|1 Reyes 15:8|
UAbhiyam walala kooyise, bamngcwabela emzini kaDavide. UAsa, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
-
9
|1 Reyes 15:9|
Ngomnyaka wamashumi amabini kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, uAsa waba ngukumkani kwaYuda.
-
10
|1 Reyes 15:10|
Waba neminyaka emashumi mane anamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38