-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Reyes 6:1|
Kwathi, ngomnyaka wamakhulu omane anamanci asibhozo bephumile oonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa, ngomnyaka wesine uSolomon engukumkani kumaSirayeli, ngenyanga enguZivi, eyinyanga yesibini, wamakhela uYehova indlu leyo.
-
2
|1 Reyes 6:2|
Loo ndlu ukumkani uSolomon wamakhelayo uYehova ibiziikubhite ezimashumi mathandathu ubude bayo, iziikubhite ezimashumi mabini ububanzi bayo, iziikubhite ezimashumi mathathu ukuphakama kwayo.
-
3
|1 Reyes 6:3|
Ivaranda, ebiphambi kwebhotwe lendlu, ibiziikubhite ezimashumi mabini ubude bayo bungangobubanzi bendlu; ibiziikubhite ezilishumi ububanzi bayo phambi kwendlu.
-
4
|1 Reyes 6:4|
Ke indlu wayenzela iifestile ezinamanqwanqwa athe nkqi.
-
5
|1 Reyes 6:5|
Wakha eludongeni lwendlu umayamo ngeenxa zonke; ezindongeni zendlu ngeenxa zonke, ezo zebhotwe nezendawo yezihlabo, wenza amagumbi emacaleni ngeenxa zonke;
-
6
|1 Reyes 6:6|
udidi oluphantsi beluziikubhite ezintlanu ububanzi balo; oluphakathi beluziikubhite ezintandathu ububanzi balo; olwesithathu beluziikubhite ezisixhenxe ububanzi balo; ngokuba wenza iingqameko endlwini ngaphandle, wajikelezisa, ukuze imiqadi ingafakwa ezindongeni zendlu.
-
7
|1 Reyes 6:7|
Indlu ekwakhiweni kwayo yakhiwa ngamatye aselegqityiwe ukulungiswa endaweni ambiwa kuyo; izando nezixholo, zonke iimpahla zesinyithi, azivakalanga kuloo ndlu ekwakhiweni kwayo.
-
8
|1 Reyes 6:8|
Umnyango wegumbi eliphakathi ubusecaleni lasekunene lendlu; kwenyukwa ngezinyuko ezizungulezayo ukuya kweloluphakathi udidi, nokusuka kulo kuyiwe kwelolwesithathu.
-
9
|1 Reyes 6:9|
Wayakha ke indlu, wayigqiba, wayifulela ngemiqadi neeplanga zemisedare.
-
10
|1 Reyes 6:10|
Wakha ke umayamo endlwini yonke, waziikubhite ezintlanu ukuphakama kwawo; wabambelela endlwini ngemisedare.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38