-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Reyes 21:1|
Kwathi emveni kwezo zinto, uNabhoti waseYizereli enesidiliya esiseYizereli, ngasebhotweni lika-Ahabhi ukumkani wakwaSamari,
-
2
|1 Reyes 21:2|
wathetha uAhabhi kuNabhoti, wathi, Ndinike isidiliya sakho, ukuba sibe ngumyezo wemifuno; ngokuba sisondelelene nendlu yam; ndokunika isidiliya esilungileyo kuneso esikhundleni saso; ke ukuba kuthe kwalunga emehlweni akho, ndokunika imali esilingeneyo.
-
3
|1 Reyes 21:3|
Wathi uNabhoti kuAhabhi, Makube lee kum ngenxa kaYehova, ukuba ndikunike ilifa loobawo.
-
4
|1 Reyes 21:4|
UAhabhi waya endlwini yakhe ebuthe nkwa ubuso, ejalile, lilizwi abelithethile kuye uNabhoti waseYizereli, wathi, Andiyi kukunika ilifa loobawo. Waya walala esingqengqelweni, wabheka phaya; akadla nokudla.
-
5
|1 Reyes 21:5|
Wafika uIzebhele umkakhe kuye, wathi kuye, Yini na ukuba usangane kangaka, ungadli nokudla?
-
6
|1 Reyes 21:6|
Wathi kuye, Kungokuba ndithethe kuNabhoti waseYizereli, ndathi kuye, Ndinike isidiliya sakho ngemali; okanye ukuba uyavuma, ndokunika esinye isidiliya esikhundleni saso; wathi, Andiyi kukunika isidiliya sam.
-
7
|1 Reyes 21:7|
Wathi uIzebhele umkakhe kuye, Wena, abuphethwe nguwe na ngoku ubukumkani bakwaSirayeli? Vuka udle ukudla, ichwayithe intliziyo yakho; ndokunika mna isidiliya sikaNabhoti waseYizereli.
-
8
|1 Reyes 21:8|
Wabhala iincwadi egameni lika-Ahabhi, wazitywina ngomsesane wakhe, wazithumela ezo ncwadi kumadoda amakhulu nakubanumzana ababekuloo mzi wakhe, ababehleli noNabhoti.
-
9
|1 Reyes 21:9|
Wabhala kwezo ncwadi, wathi, Memani uzilo lokudla, nimbeke uNabhoti phambi kwabantu;
-
10
|1 Reyes 21:10|
nibeke amadoda amabini angamatshijolo phambi kwakhe, angqine ngaye, athi, Wena uthuke uThixo nokumkani. Nize nimkhuphele phandle, nimgibisele ngamatye, afe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38