-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Reyes 21:11|
Amadoda omzi wakhe, amadoda amakhulu nabanumzana ababehleli kuloo mzi wakhe, benza njengoko abebathumele ngako uIzebhele, njengoko kwakubhaliwe ezincwadini abezithumele kubo.
-
12
|1 Reyes 21:12|
Bamema uzilo lokudla, bambeka uNabhoti phambi kwabantu.
-
13
|1 Reyes 21:13|
Kwafika loo madoda mabini angamatshijolo, ahlala phambi kwakhe. Amadoda lawo angamatshijolo angqina ngaye uNabhoti phambi kwabantu, athi, UNabhoti uthuke uThixo nokumkani. Bamkhuphela ngaphandle komzi, bamgibisela ngamatye, wafa.
-
14
|1 Reyes 21:14|
Bathumela ke kuIzebhele, bathi, UNabhoti ugityiselwe ngamatye, wafa.
-
15
|1 Reyes 21:15|
Kwathi, akuva uIzebhele ukuba uNabhoti ugityiselwe ngamatye, wafa, wathi uIzebhele kuAhabhi, Suka, usithabathe isidiliya sikaNabhoti waseYizereli, abengavumi ukukunika ngemali; ngokuba uNabhoti akasekho, ufile.
-
16
|1 Reyes 21:16|
Kwathi, akuva uAhabhi ukuba uNabhoti ufile, wesuka uAhabhi, wehla, waya kusithabatha isidiliya sikaNabhoti waseYizereli.
-
17
|1 Reyes 21:17|
Lafika ilizwi likaYehova kuEliya waseTishbhi, lisithi,
-
18
|1 Reyes 21:18|
Suka uhle, uye kukhawulela uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli okwaSamari; nanko esesidiliyeni sikaNabhoti, ehle waya kusithabatha.
-
19
|1 Reyes 21:19|
Uze uthethe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ubulele na, wathabatha na? Uthethe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Endaweni ezixhaphele kuyo izinja igazi likaNabhoti, ziya kulixhaphela khona izinja igazi lakho, wena lo.
-
20
|1 Reyes 21:20|
Wathi uAhabhi kuEliya, Undifumene na, lutshaba lwam? Wathi yena, Ndikufumene; ngenxa enokuba uzithengisele ukwenza okubi emehlweni kaYehova,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40