-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Reyes 14:1|
Ngelo xesha wahliwa sisifo uAbhiya, unyana kaYarobheham.
-
2
|1 Reyes 14:2|
Wathi uYarobheham kumkakhe, Khawusuke uzenze mntu wumbi, bangakwazi ukuba ungumkaYarobheham; uhambe uye eShilo; nanko apho uAhiya umprofeti, owandixelelayo ukuba ndiya kuba ngukumkani waba bantu;
-
3
|1 Reyes 14:3|
uphathe esandleni sakho izonka ezilishumi, nemiqhathane, neselwa lobusi, uye kuye: wokuxelela okuya kubakho kulo mntwana.
-
4
|1 Reyes 14:4|
Wenjenjalo umkaYarobheham, wesuka waya eShilo, wangena endlwini ka-Ahiya. Ke kaloku uAhiya ebengenakubona, ngokuba amehlo akhe abenorhatyazo ngobudala bakhe.
-
5
|1 Reyes 14:5|
Wathi uYehova kuAhiya, Nanko umkaYarobheham eza kubuza into kuwe ngonyana wakhe; ngokuba esifa. Uze uthi, uthi, ukuthetha kuye; kuba wothi ekungeneni kwakhe, azenze mntu wumbi.
-
6
|1 Reyes 14:6|
Kwathi, akusiva uAhiya isingqi seenyawo zakhe, engena emnyango, wathi, Ngena, mkaYarobheham, yini na ukuba uzenze mntu wumbi? Ndithunywe kuwe udaba olubi.
-
7
|1 Reyes 14:7|
Yiya, uthi kuYarobheham, Utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba ndakuphakamisayo phakathi kwabantu, ndakwenza inganga kubantu bam amaSirayeli,
-
8
|1 Reyes 14:8|
ndabukrazula ubukumkani endlwini kaDavide, ndakunika; wesuka akwafuza umkhonzi wam uDavide, owayigcinayo imithetho yam, owandilandelayo ngentliziyo yakhe yonke, ukuba enze okuthe tye kodwa emehlweni am;
-
9
|1 Reyes 14:9|
wesuka wena wenza okubi ngaphezu kwabo bonke ababekho ngaphambi kwakho, waya wazenzela thixo bambi, nemifanekiso etyhidiweyo, ukuba undiqumbise, wandiphosa emva komhlana wakho:
-
10
|1 Reyes 14:10|
ngako oko, yabona, ndiya kuyizisela ububi indlu kaYarobheham, ndiyinqamle kwaYarobheham yonke into eyindoda, ovalelweyo novulelweyo kwaSirayeli, ndiwatshayele amavela-mva endlu kaYarobheham, njengokutshayelwa kwelindle, kude kuthi tu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7