-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Reyes 14:11|
OkaYarobheham ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu; ngokuba uYehova ethethile.
-
12
|1 Reyes 14:12|
SukÂ’ ume ke wena, uhambe uye endlwini yakho; ekungeneni kweenyawo zakho kuwo umzi, uya kufa umntwana.
-
13
|1 Reyes 14:13|
Ommbambazelela onke amaSirayeli, amngcwabe; ngokuba nguye yedwa kwaYarobheham, oya kungena engcwabeni; ngenxa yokuba kufunyenwe kuye kukho into elungileyo, ebhekisele kuYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini kaYarobheham.
-
14
|1 Reyes 14:14|
UYehova uya kuzivelisela ukumkani kwaSirayeli, oya kuyinqamla indlu kaYarobheham loo mini, Ndisathetha ntoni na, sekunjalo nje?
-
15
|1 Reyes 14:15|
UYehova uya kubetha kumaSirayeli, njengengcongolo izanyazanyiswa ema nzini, awanyothule amaSirayeli emhlabeni olungileyo, awawunika ooyise, awachithachithele phesheya koMlambo, ngenxa enokuba enze ooAshera bawo, amqumbisa uYehova;
-
16
|1 Reyes 14:16|
awanikele amaSirayeli ngenxa yesono sikaYarobheham, owonayo, wawonisa ngaso amaSirayeli.
-
17
|1 Reyes 14:17|
Wesuka ke umkaYarobheham, wahamba, wafika eTirtsa, wathi akuthi ukunyathela embundwini womnyango wendlu, wafa umntwana.
-
18
|1 Reyes 14:18|
Amngcwaba, ammbambazelela amaSirayeli onke ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngomkhonzi wakhe, uAhiya umprofeti.
-
19
|1 Reyes 14:19|
Ezinye izinto zikaYarobheham, ukulwa kwakhe, nokulawula kwakhe, nanko kubhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.
-
20
|1 Reyes 14:20|
Imihla awayengukumkani ngayo uYarobheham ngamashumi amabini anesibini iminyaka; walala kooyise. UNadabhi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21