-
-
Xhosa
-
-
21
|1 Reyes 14:21|
Ke uRehabheham, unyana kaSolomon, waye engukumkani kwaYuda. URehabheham ubeminyaka imashumi mane anamnye ezelwe ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi awawunyulayo uYehova ezizweni zonke zakwaSirayeli, ukuba alibeke khona igama lakhe. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi.
-
22
|1 Reyes 14:22|
AmaYuda enza ububi emehlweni kaYehova, amkhweletisa ngaphezu kwako konke ababekwenzile ooyise ngezono zabo, ababesona ngazo.
-
23
|1 Reyes 14:23|
Azakhela nazo izinganga, nezimiso zamatye, nooAshera, ezindulini zonke eziphakamileyo, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.
-
24
|1 Reyes 14:24|
Kananjalo bekukho amangÂ’awu elizweni, enza ngokwamasikizi onke eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
-
25
|1 Reyes 14:25|
Kwathi ngomnyaka wesihlanu wokumkani uRehabheham, kwenyuka uShishaki, ukumkani waseYiputa, wayifikela iYerusalem.
-
26
|1 Reyes 14:26|
Wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova nobuncwane bendlu yokumkani; wabuthabatha bonke; wazithabatha zonke iingweletshetshe zegolide awazenzayo uSolomon.
-
27
|1 Reyes 14:27|
Ukumkani uRehabheham wenza iingweletshetshe zobhedu esikhundleni sazo, waziphathisa abathetheli bezigidimi ezibe zigcina umnyango wendlu yokumkani.
-
28
|1 Reyes 14:28|
Ubesakuthi, akuya ukumkani endlwini kaYehova, ziziphathe izigidimi ezo, zize zizibuyisele egumbini logcino lwezigidimi.
-
29
|1 Reyes 14:29|
Ezinye izinto zikaRehabheham, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
-
30
|1 Reyes 14:30|
Yaye iyimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham yonke imihla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5