-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Reyes 10:1|
Ke kaloku ukumkanikazi waseShebha waluva udaba lukaSolomon, olusingisele kwigama likaYehova, weza ukumlinga ngemibuzo elukhuni.
-
2
|1 Reyes 10:2|
Wafika eYerusalem enesihlwele esinzima kunene, esineenkamela ezithwele ubulawu, negolide eninzi kunene, namatye anqabileyo. Weza kuSolomon, wathetha naye konke okube kusentliziyweni yakhe.
-
3
|1 Reyes 10:3|
USolomon wamtyhilela onke amazwi akhe; akubangakho lizwi lifihlakeleyo kukumkani, angabanga nakumtyhilela lona.
-
4
|1 Reyes 10:4|
Wabubona ukumkanikazi waseShebha bonke ubulumko bukaSolomon, nendlu abeyakhile,
-
5
|1 Reyes 10:5|
nokudla kwetafile yakhe, nokuhlala kwabakhonzi bakhe, nokuma kwabalungiseleli bakhe, nezambatho zabo, nabangcamli bakhe, nezinyuko zakhe abenyuka ngazo ukuya endlwini kaYehova; akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kuye.
-
6
|1 Reyes 10:6|
Wathi kukumkani, Libe liyinene ilizwi endaliva, ezweni lam, lezinto zakho nobulumko bakho.
-
7
|1 Reyes 10:7|
Andikholwanga ngamazwi lawo, ndada ndeza, abona amehlo am; uyabona, bendingaxelelwanga nesiqingatha esi. Ulugqithile ngobulumko nangokulunga udada ebendiluvile.
-
8
|1 Reyes 10:8|
Anoyolo amadoda akho, banoyolo aba bakhonzi bakho bemiyo phambi kwakho amaxesha onke, bebuva ubulumko bakho.
-
9
|1 Reyes 10:9|
Makabongwe uYehova uThixo wakho, okunoneleleyo, wakubeka etroneni yakwaSirayeli ngokuwathanda kwakhe amaSirayeli ngonaphakade, wakumisa waba ngukumkani, ukuba wenze okusesikweni nobulungisa.
-
10
|1 Reyes 10:10|
Ukumkanikazi wamnika ukumkani ikhulu elinamanci amabini eetalente zegolide, nasebulawini into eninzi kunene, namatye anqabileyo; akuzanga kube saziswa bulawu bungangobo ukuba buninzi kwabo, obo ukumkanikazi waseShebha wabunika ukumkani uSolomon.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7