-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Reyes 10:11|
Kananjalo isinqanawa sikaHiram, esathutha igolide kwaOfire, savela kwaOfire nemialmugi emininzi kunene, namatye anqabileyo.
-
12
|1 Reyes 10:12|
Imialmugi leyo ukumkani wayenza iintsika zendlu kaYehova, nezeyendlu yokumkani, neehadi nemirhubhe yeemvumi; akuzanga kube saziswa mialmugi injalo, akubonwanga injalo unanamhla.
-
13
|1 Reyes 10:13|
Ke ukumkani uSolomon wamnika ukumkanikazi waseShebha konke akunanzileyo, awakucelayo; kukodwa khona awamnikayo ngokwamandla okuba engukumkani uSolomon. Wajika ke, waya ezweni lakhe, yena nabakhonzi bakhe.
-
14
|1 Reyes 10:14|
Ke kaloku ukulinganiswa kwegolide, eyeza kuSolomon ngamnyaka mnye, kwaba ngamakhulu mathandathu anamanci mathandathu anesithandathu iitalente zegolide.
-
15
|1 Reyes 10:15|
Iyodwa eyabarhwebi, neyentengiso yabathengisi, neyookumkani bonke bomxukuxela, neyamabamba elizwe.
-
16
|1 Reyes 10:16|
Ukumkani uSolomon wenza amakhulu amabini amakhaka egolide engumkhando: zangamakhulu amathandathu iishekele zegolide, awaleka ngazo khaka linye.
-
17
|1 Reyes 10:17|
Wenza amakhulu amathathu eengweletshetshe zegolide engumkhando; zaba ntathu iimina zegolide, awaleka ngazo ngweletshetshe-nye. Ukumkani wazibeka endlwini yehlathi laseLebhanon.
-
18
|1 Reyes 10:18|
Ukumkani wenza itrone enkulu ngeempondo zeendlovu, wayaleka ngegolide engcwengiweyo.
-
19
|1 Reyes 10:19|
Itrone leyo ibinezinyuko ezithandathu; itrone leyo ibinomphezulu oyinqila ngasemva. Kukho iingalo ngapha nangapha kwendawo yokuhlala; kumi iingonyama ezimbini ecaleni leengalo ezo.
-
20
|1 Reyes 10:20|
Kumi iingonyama ezilishumi elinambini khona ezinyukweni ezithandathu, ngapha nangapha; akuzanga kwenziwe nto injalo ezikumkanini zonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21