-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Reyes 22:1|
Kwahlalwa iminyaka yamithathu, kungekho mfazwe phakathi kwama-Aram namaSirayeli.
-
2
|1 Reyes 22:2|
Kwathi ngomnyaka wesithathu wehla uYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, waya kukumkani wakwaSirayeli.
-
3
|1 Reyes 22:3|
Wathi ukumkani wakwaSirayeli kubakhonzi bakhe, Anazi na ukuba iRamoti yaseGiliyadi yeyethu, ukanti sithe cwaka thina; asiyihluthi esandleni sokumkani wakwa-Aram?
-
4
|1 Reyes 22:4|
Wathi kuYehoshafati, Wohamba na nam, silwe neRamoti yaseGiliyadi? Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Ndinjengawe; abantu bam banjengabantu bakho, amahashe am anjengamahashe akho.
-
5
|1 Reyes 22:5|
Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Khawubuze ilizwi likaYehova namhla.
-
6
|1 Reyes 22:6|
Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, bekumakhulu amane amadoda, wathi kubo, Ndiye kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka; iNkosi yoyinikela esandleni sokumkani.
-
7
|1 Reyes 22:7|
Wathi uYehoshafati, Akusekho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuye?
-
8
|1 Reyes 22:8|
Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Kusekho indoda enye, esingabuzisa ngayo kuYehova; ke mna ndiyithiyile; ngokuba ayiprofeti okulungileyo ngam, iprofeta okubi: nguMikaya, unyana kaImla. Wathi uYehoshafati, Makangatsho ukumkani.
-
9
|1 Reyes 22:9|
Waza ukumkani wakwaSirayeli wabiza umbusi, wathi, Khawulezisa uMikaya unyana kaImla, eze apha.
-
10
|1 Reyes 22:10|
Ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, wahlala elowo etroneni yakhe, evethe iingubo zakhe, esandeni, ekungeneni esangweni lakwaSamari; bonke abaprofeti beprofeta phambi kwabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38