-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Reyes 1:1|
Ke kaloku ukumkani uDavide ubeseleyindoda enkulu, ehambisekile ebudaleni; bamgubungela ngeengubo, akaba nakufudumala noko.
-
2
|1 Reyes 1:2|
Bathi abakhonzi bakhe kuye, Inkosi yethu ukumkani mayifunelwe inkakazana eseyintombi, ime phambi kokumkani, imonge, ilale esifubeni sakhe, ifudumale inkosi yethu ukumkani.
-
3
|1 Reyes 1:3|
Bafuna ke intombi eyinzwakazi emideni yonke yakwaSirayeli, bafumana uAbhishagi waseShunem, bamzisa kukumkani.
-
4
|1 Reyes 1:4|
Inkakazana leyo yayiyinzwakazi encamisileyo, yamonga ukumkani, yamlungiselela; ukumkani akayazi.
-
5
|1 Reyes 1:5|
Waza uAdoniya unyana kaHagiti waziphakamisa, wathi, Ndiya kuba ngukumkani. Wazenzela iinqwelo zokulwa, nabamahashe, namadoda angamashumi omahlanu okutshayelela phambi kwakhe.
-
6
|1 Reyes 1:6|
Uyise ebengamenzanga buhlungu nemini enye ngokuthi, Yini na ukuba wenjenje? Kananjalo ubengumfo osiqu sihle; unina wamzala emva koAbhisalom.
-
7
|1 Reyes 1:7|
Wacebisana noYowabhi, unyana kaTseruya, noAbhiyatare umbingeleli; bancedisa, balandela uAdoniya.
-
8
|1 Reyes 1:8|
Ke bona ooTsadoki umbingeleli, noBhenaya unyana kaYehoyada, noNatan umprofeti, noShimehi, noRehi, namagorha abe kuDavide, ababanga ngakuAdoniya.
-
9
|1 Reyes 1:9|
UAdoniya wabingelela impahla emfutshane neenkomo ezityetyisiweyo ngasetyeni laseZohelete, elisecaleni le-En-rogele; wamema bonke abazalwana bakhe, oonyana bokumkani, namadoda onke akwaYuda, abakhonzi bokumkani.
-
10
|1 Reyes 1:10|
Ke bona ooNatan umprofeti, noBhenaya, namagorha, noSolomon umkhuluwa wakhe, akabamema.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10