-
-
Xhosa
-
-
31
|1 Reyes 1:31|
Wathoba ke uBhatshebha ngobuso emhlabeni, waqubuda kukumkani, wathi, Mayidle ubomi inkosi yam, ukumkani uDavide, ngonaphakade.
-
32
|1 Reyes 1:32|
Wathi ukumkani uDavide, Babizeni beze kum apha uTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada. Beza ke phambi kokumkani.
-
33
|1 Reyes 1:33|
Wathi ukumkani kubo, Thabathani abakhonzi benkosi yenu, bahambe nani, nikhwelise uSolomon unyana wam kowam undlebende, nihle naye niye eGihon;
-
34
|1 Reyes 1:34|
bamthambisele khona ooTsadoki umbingeleli noNatan umprofeti, abe ngukumkani kumaSirayeli; nivuthele izigodlo, nithi, Makadle ubomi ukumkani uSolomon.
-
35
|1 Reyes 1:35|
Nize ninyuke, nimlandele; eze ahlale etroneni yam; abe ngukumkani yena esikhundleni sam. Ndimmisile ukuba abe yinganga kumaSirayeli nakumaYuda.
-
36
|1 Reyes 1:36|
Waphendula uBhenaya unyana kaYehoyada, wathi kukumkani, Amen; makatsho uYehova uThixo wenkosi yam ukumkani.
-
37
|1 Reyes 1:37|
Njengokuba uYehova wayenenkosi yam ukumkani, ngokunjalo uya kuba noSolomon, ayikhulise itrone yakhe ngaphezu kwetrone yenkosi yam ukumkani uDavide.
-
38
|1 Reyes 1:38|
Wehla ke uTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada, nabancinithi, nezigidimi; bamkhwelisa uSolomon kundlebende wokumkani uDavide, baya naye eGihon.
-
39
|1 Reyes 1:39|
UTsadoki umbingeleli wathabatha isigodlo seoli ententeni, wamthambisa uSolomon, wavuthela izigodlo, bathi bonke abantu, Makadle ubomi ukumkani uSolomon!
-
40
|1 Reyes 1:40|
Benyuka bonke abantu, bamlandela, abantu bebetha ugwali, bevuya ngemivuyo emikhulu; wathi ndi umhlaba ngesandi sabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10