-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Reyes 17:1|
Wathi uEliya waseTishbhi, wasezindwendweni zaseGiliyadi, kuAhabhi, Ehleli nje uYehova uThixo wakwaSirayeli, endimi phambi kwakhe, akuyi kukha kubekho mbethe namvula le minyaka, kungengalo ilizwi lam.
-
2
|1 Reyes 17:2|
Lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,
-
3
|1 Reyes 17:3|
Hamba umke apha, ubheke empumalanga, uzimele emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan.
-
4
|1 Reyes 17:4|
Wothi usele emlanjaneni apho; ndiwawisele umthetho amahlungulu ukuba akuxhase khona.
-
5
|1 Reyes 17:5|
Wahamba ke wenza ngokwelizwi likaYehova, waya wahlala emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan.
-
6
|1 Reyes 17:6|
Amahlungulu amzisela isonka nenyama kusasa, isonka nenyama ngokuhlwa, wasela emlanjaneni apho.
-
7
|1 Reyes 17:7|
Kuthe, kwakuhamba ixesha, watsha umlanjana, ngokuba bekungabangakho mvula ezweni.
-
8
|1 Reyes 17:8|
Lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,
-
9
|1 Reyes 17:9|
Suka uye eTsarfati yaseTsidon, uhlale khona; uyabona, ndimwisele umthetho khona umfazi ongumhlolokazi, ukuba akuxhase.
-
10
|1 Reyes 17:10|
Wesuka ke waya eTsarfati, wafika esangweni lomzi; nanko kukho apho umfazi ongumhlolokazi echola iinkuni; wambiza, wathi, Khawundikhelele intwana yamanzi ngesitya, ndisele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38