-
-
Xhosa
-
-
21
|1 Reyes 10:21|
Yonke impahla yokusela yokumkani uSolomon yabe iyeyegolide, nempahla yonke yendlu yehlathi laseLebhanon yabe iyeyegolide ecikizekileyo; bekungekho yasilivere; ibingento yakonto yona ngemihla kaSolomon.
-
22
|1 Reyes 10:22|
Ngokuba ukumkani ubenesinqanawa saseTarshishe elwandle, ndawonye nesinqanawa sikaHiram; seza kanye ngeminyaka emithathu isinqanawa eso saseTarshishe, sithwele igolide, nesilivere, neempondo zeendlovu, neentsimango, neepikoko.
-
23
|1 Reyes 10:23|
Waba mkhulu ke ukumkani uSolomon, ngaphezu kookumkani bonke behlabathi, ngobutyebi nangobulumko.
-
24
|1 Reyes 10:24|
Lonke ihlabathi laye lifuna ubuso bukaSolomon, ukuba live ubulumko bakhe, awayebubeke entliziyweni yakhe uThixo.
-
25
|1 Reyes 10:25|
Bazisa elowo umnikelo wakhe; iimpahla zesilivere, neempahla zegolide, nezambatho, nezikrweqe, nobulawu, namahashe, noondlebende, into yeminyaka ngeminyaka.
-
26
|1 Reyes 10:26|
USolomon wahlanganisa iinqwelo zokulwa namahashe akhwelwayo, waba newaka elinamakhulu amane eenqwelo zokulwa, namawaka alishumi elinamabini amahashe akhwelwayo; wazibeka ezo zinto emizini yeenqwelo zokulwa, nakukumkani eYerusalem.
-
27
|1 Reyes 10:27|
Ukumkani wayenza isilivere yanjengamatye eYerusalem, nemisedare wayenza yanjengemithombe esesihlanjeni, ukuba mininzi.
-
28
|1 Reyes 10:28|
Amahashe abenawo uSolomon avela eYiputa; laza iqela labathengela ukumkani lalithabatha iqela ngalinye ngenani elithile.
-
29
|1 Reyes 10:29|
Kwenyuka kwaphuma inqwelo yokulwa eYiputa ngamakhulu amathandathu eeshekele zesilivere, nehashe ngekhulu elinamanci mahlanu; benjenjalo bona ngokwabo ukubathuthela ookumkani bonke bamaHeti, nookumkani bama-Aram.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 6-8