-
-
Xhosa
-
-
21
|1 Reyes 12:21|
Weza uRehabheham eYerusalem, wabizela ndawonye yonke indlu yakwaYuda, kwanesizwe sakwaBhenjamin, ikhulu elinamanci asibhozo lamawaka amadodana okulwa imfazwe, ukuba aye kulwa nendlu kaSirayeli, bubuyiselwe ubukumkani kuRehabheham unyana kaSolomon.
-
22
|1 Reyes 12:22|
Lafika ilizwi likaThixo kuShemaya, umfo wakwaThixo, lisithi,
-
23
|1 Reyes 12:23|
Yitsho kuRehabheham unyana kaSolomon, ukumkani wakwaYuda, nakwindlu yonke yakwaYuda, nakuBhenjamin, nakubantu abaseleyo, ukuthi,
-
24
|1 Reyes 12:24|
Utsho uYehova ukuthi, Ize ninganyuki; ize ningalwi nabazalwana benu oonyana bakaSirayeli. Buyani, aye elowo endlwini yakhe; ngokuba iphuma kum le nto. Baliphulaphula ilizwi likaYehova, babuya, bahamba ngokwelizwi likaYehova.
-
25
|1 Reyes 12:25|
Ke uYarobheham wawakha umzi wakwaShekem kweleentaba lakwaEfrayim, wahlala khona; waphuma apho wakha iPenuweli.
-
26
|1 Reyes 12:26|
Wathi uYarobheham entliziyweni yakhe, Kaloku ubukumkani buya kubuyela endlwini kaDavide.
-
27
|1 Reyes 12:27|
Ukuba bathe benyuka aba bantu, baya kubingelela endlwini kaYehova eYerusalem, yobuya intliziyo yaba bantu iye enkosini yabo, kuRehabheham, ukumkani wakwaYuda; bandibulale mna, babuyele kuRehabheham ukumkani wakwaYuda.
-
28
|1 Reyes 12:28|
Waceba ke ukumkani, wenza amathole egolide amabini; wathi kubo, Niyaxhamleka kukunyuka niye eYerusalem. Nanku uThixo wakho, Sirayeli, owakukhuphayo ezweni laseYiputa!
-
29
|1 Reyes 12:29|
Walimisa ke elinye eBhetele, walimisa elinye kwaDan.
-
30
|1 Reyes 12:30|
Yathi loo nto yaba sisono; bahamba abantu baya phambi kwelo likwaDan.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34