-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Reyes 19:1|
UAhabhi wamxelela uIzebhele konke awakwenzayo uEliya, nokubabulala kwakhe abaprofeti bonke ngekrele.
-
2
|1 Reyes 19:2|
UIzebhele wathuma umthunywa kuEliya, esithi, Mabenjenje oothixo kum baqokele ukwenjenje, ukuba andithanga, mayela ngeli xa ngomso, ndiwenze umphefumlo wakho ube njengomphefumlo womnye kubo.
-
3
|1 Reyes 19:3|
Wabona, wesuka wabambela ukusindisa umphefumlo wakhe. Waya eBher-shebha, eyeyakwaYuda, wayishiya khona indodana yakwakhe.
-
4
|1 Reyes 19:4|
Wahamba entlango uhambo lwemini enye, waya wahlala phantsi konwele, wazicelela ukuba afe, wathi, Kwanele ngoku, Yehova; wuthabathe umphefumlo wam, ngokuba ndingalungile ngaphezu koobawo.
-
5
|1 Reyes 19:5|
Wangqengqa ke, wozela, walala phantsi konwele. Kwabonakala khona isithunywa sezulu simshukumisa, sathi kuye, Vuka udle.
-
6
|1 Reyes 19:6|
Wakhangela, nanko kukho ngasentlokweni yakhe iqebengwana elosiweyo lesonka, neselwa lamanzi. Wadla ke, wasela, wabuya walala.
-
7
|1 Reyes 19:7|
Sabuya isithunywa sikaYehova okwesibini, samshukumisa, sathi, Vuka udle, ngokuba uhambo lukhulu kuwe.
-
8
|1 Reyes 19:8|
Wavuka ke, wadla wasela, wahamba ngamandla oku kudla iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, wada wafika entabeni kaThixo eHorebhe.
-
9
|1 Reyes 19:9|
Waya emqolombeni apho, walala khona. Nalo ilizwi likaYehova lifika kuye. Wathi kuye, Uyintoni na apha, Eliya?
-
10
|1 Reyes 19:10|
Wathi yena, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndasala ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40