-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Reyes 3:11|
Wathi ke uThixo kuye, Ngenxa enokuba ucele le nto, akwazicelela imihla emininzi, akwazicelela ubutyebi, akwazicelela ubomi beentshaba zakho, wazicelela ukuqonda ukuba uwathethe amatyala: uya bona, ndenze ngokwelizwi lakho.
-
12
|1 Reyes 3:12|
Uyabona, ndikunikile intliziyo enobulumko enokuqonda, ekungabangakho unjengawe phambi kwakho, ekungayi kuvela unjengawe emva kwakho.
-
13
|1 Reyes 3:13|
Kananjalo oko ungakucelanga ndikunikile nako, kwaubutyebi nozuko, ukuba kungabikho mntu unjengawe phakathi kookumkani yonke imihla yakho.
-
14
|1 Reyes 3:14|
Ke ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ngokuyigcina imimiselo yam nemithetho yam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ndoyolula imihla yakho.
-
15
|1 Reyes 3:15|
Wavuka uSolomon, O! liphupha. Waya ke eYerusalem, wema phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova, wenyusa amadini anyukayo, wenza imibingelelo yokubulela, wabenzela isidlo abakhonzi bakhe bonke.
-
16
|1 Reyes 3:16|
Ngelo xesha kweza kukumkani amankazana amabini angamahenyukazi, ema phambi kwakhe.
-
17
|1 Reyes 3:17|
Yathi enye inkazana, Camagu, nkosi yam! Thina nale nkazana sihlala ndlwini-nye; ndazala, ndinayo kuloo ndlu.
-
18
|1 Reyes 3:18|
Kwathi ngosuku lwesithathu ndizele, yazala nayo le nkazana, sindawonye ke; kwaye kungekho mntu wasemzini unathi kuloo ndlu, sisodwa thina sobabini kuloo ndlu.
-
19
|1 Reyes 3:19|
Wafa unyana wale nkazana ebusuku, ngokusuka ilale phezu kwakhe.
-
20
|1 Reyes 3:20|
Yavuka phakathi kobusuku, yamthabatha unyana wam ecaleni lam, elele umkhonzazana wakho lo, yamlalisa esifubeni sayo, yathi unyana wayo ofileyo yamlalisa esifubeni sam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34