-
-
Xhosa
-
-
21
|1 Reyes 4:21|
USolomon ubelawula ezikumkanini zonke, ethabathela kuwo uMlambo, naselizweni lamaFilisti, wesa nasemdeni weYiputa, zizisa iminikelo, zimkhonza uSolomon yonke imihla yobomi bakhe.
-
22
|1 Reyes 4:22|
Ke ukudla kukaSolomon kwamini-nye bekungamashumi omathathu eekore zomgubo ocoliweyo, namashumi omathandathu eekore zomgubo,
-
23
|1 Reyes 4:23|
ishumi leenkomo ezityetyisiweyo, namashumi omabini eenkomo zasemadlelweni, nekhulu lempahla emfutshane, ewodwa amaxhama, namabhadi, namanqa, neenkuku ezityetyisiweyo.
-
24
|1 Reyes 4:24|
Ngokuba ubenobukhosi kulo lonke eliphesheya kwawo uMlambo, lithabathela eTifesa lesa eGaza, kookumkani bonke abaphesheya koMlambo. Wayenoxolo ngeenxa zonke kuye.
-
25
|1 Reyes 4:25|
Ahlala amaYuda namaSirayeli ekholosile, elowo ehleli phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, ethabathela kwaDan esa eBher-shebha, yonke imihla kaSolomon.
-
26
|1 Reyes 4:26|
USolomon wayenamawaka amane emikhumbi yezitali zamahashe eenqwelo zakhe, neshumi elinamabini lamawaka amahashe akhwelwayo.
-
27
|1 Reyes 4:27|
Abo bongameli babemxhasa ukumkani uSolomon, nabo bonke abasondela etafileni yokumkani uSolomon, elowo exhasa ngenyanga yakhe; bekungasweleki nto.
-
28
|1 Reyes 4:28|
Irhasi nomququ wamahashe, nowamahashe aziimbaleki, babeyizisa endaweni apho ibifanele ukuba khona, elowo njengokumiselwa kwakhe.
-
29
|1 Reyes 4:29|
UThixo wamnika ke uSolomon ubulumko nengqondo ngokuninzi kunene, nobubanzi bentliziyo, njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle.
-
30
|1 Reyes 4:30|
Ubulumko bukaSolomon bebubuninzi ngaphezu kobulumko boonyana bonke basempumalanga, naphezu kobulumko bonke bamaYiputa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40