-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Reyes 5:11|
USolomon wamnika uHiram amashumi amabini amawaka eekore zengqolowa, ukuba idle indlu yakhe; namashumi omabini eekore zeoli engqushiweyo; wenjenjalo ke uSolomon ukumnika uHiram iminyaka ngeminyaka.
-
12
|1 Reyes 5:12|
UYehova wamnika ubulumko uSolomon, njengoko wayekuthethile kuye; lwaba luxolo phakathi koHiram noSolomon: benza umnqophiso bobabini.
-
13
|1 Reyes 5:13|
Ukumkani uSolomon wahlahla abafakwa uviko kumaSirayeli onke; abo bafakwa uviko babengamashumi omathathu amawaka amadoda.
-
14
|1 Reyes 5:14|
Wabathuma eLebhanon, ishumi lamawaka ngenyanga, bekhululana; inyanga enye babe seLebhanon, iinyanga ezimbini babe sekhaya; ke uAdoniram ubephethe abo bafakwa uviko.
-
15
|1 Reyes 5:15|
USolomon ebenamashumi asixhenxe amawaka athwala imithwalo, namashumi osibhozo amawaka abeqingqa amatye ezintabeni;
-
16
|1 Reyes 5:16|
bebodwa abathetheli abangabongameli bakaSolomon, ababewuphethe umsebenzi, bengamawaka amathathu anamakhulu mathathu, ababenobukhosi ebantwini ababewusebenza loo msebenzi.
-
17
|1 Reyes 5:17|
Wawisa umthetho ukumkani, bemba amatye amakhulu, amatye anqabileyo, amatye aqingqiweyo okuseka indlu.
-
18
|1 Reyes 5:18|
Baqingqa ke abakhi bakaSolomon, nabakhi bakaHiram, nabaseGebhali, balungisa imithi namatye okuyakha indlu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7