-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Samuel 12:11|
UYehova wathuma ooYerubhahali, noBhedan, noYifeta, noSamuweli, wanihlangula esandleni seentshaba zenu ngeenxa zonke, nahlala nonwabile.
-
12
|1 Samuel 12:12|
Kwathi nakubona uNahashe, ukumkani woonyana baka-Amon, esiza kulwa nani, nathi kum, Hayi, masilawulwe ngukumkani, uYehova uThixo wenu engukumkani wenu.
-
13
|1 Samuel 12:13|
Nanko ke ukumkani enimnyulileyo, enimbizileyo; yabonani, uYehova unimisele ukumkani.
-
14
|1 Samuel 12:14|
Anaba beniya kumoyika uYehova, nimkhonze, niliphulaphule ilizwi lakhe, ningawuphikisi umlomo kaYehova, nithane mbende noYehova uThixo wenu, nina nokumkani onilawulayo, ukuze kulunge.
-
15
|1 Samuel 12:15|
Ke ukuba anithanga niliphulaphule izwi likaYehova, ukuba nithe nawuphikisa umlomo kaYehova, isandla sikaYehova sonichasa, njengokuba sachasa ooyihlo.
-
16
|1 Samuel 12:16|
Nangoku yimani, niyibone le nto inkulu, ayenzayo uYehova phambi kwenu.
-
17
|1 Samuel 12:17|
Akuvunwa ingqolowa yini na namhla? Ndiya kunqula uYehova ahlise iindudumo nemvula; nazi, nibone ukuba ububi benu bukhulu enibenzileyo phambi koYehova ngokubiza ukumkani.
-
18
|1 Samuel 12:18|
USamuweli wanqula uYehova; waza uYehova wahlisa iindudumo nemvula ngaloo mini. Bonke abantu bamoyika kunene uYehova noSamuweli.
-
19
|1 Samuel 12:19|
Bathi bonke abantu kuSamuweli, Bathandazele abakhonzi bakho kuYehova uThixo wakho, ukuze singafi; ngokuba ezonweni zethu songeze ububi bokubiza ukumkani.
-
20
|1 Samuel 12:20|
Wathi uSamuweli ebantwini, Musani ukoyika. Nina nibenzile bonke obo bubi; noko ke musani ukutyeka ekumlandeleni uYehova; mkhonzeni uYehova ngentliziyo yenu yonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7