-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Samuel 19:11|
USawule wathumela abathunywa endlwini kaDavide ukuba bamlinde, bambulale kusasa. UMikali, umkakhe, wamxelela uDavide, esithi, Ukuba uthe akwawusindisa umphefumlo wakho kwangobu busuku, wobulawa ngomso.
-
12
|1 Samuel 19:12|
UMikali wamhlisa uDavide ngefestile. Wahamba wabaleka, wasinda.
-
13
|1 Samuel 19:13|
UMikali wayithabatha imilonde-khaya, wayilalisa elukhukweni, wabeka nomluko woboya beebhokhwe entlokweni yayo, wayigubungela ngengubo.
-
14
|1 Samuel 19:14|
USawule wasusa abathunywa ukuba bamthabathe uDavide. Wathi yena, Uyafa.
-
15
|1 Samuel 19:15|
USawule wasusa abathunywa ukuba baye kumkhangela uDavide, esithi, Nyukani, nize naye kum ngokhuko, ndimbulale.
-
16
|1 Samuel 19:16|
Bangena abathunywa, O! yimilonde-khaya le iselukhukweni, nomluko woboya beebhokhwe entlokweni yayo.
-
17
|1 Samuel 19:17|
Wathi uSawule kuMikali, Yini na ukuba wenjenje ukundikhohlisa, ulundulule uthsaba lwam lusinde. Wathi uMikali kuSawule, Wathi yena kum, Ndiyeke ndimke, yini na ukuba ndikubulale?
-
18
|1 Samuel 19:18|
Ebalekile uDavide, wasinda, waya kuSamuweli eRama, wamxelela konke abekwenzile uSawule kuye. Wahamba yena noSamuweli, bahlala eNayoti.
-
19
|1 Samuel 19:19|
Waxelelwa uSawule, kusithiwa, Nanko uDavide eNayoti ngaseRama.
-
20
|1 Samuel 19:20|
USawule wasusa abathunywa bokumbamba uDavide. Babona ibandla labaprofeti beprofeta, noSamuweli emi engumongameli wabo. UMoya kaThixo wabafikela abathunywa bakaSawule, baprofeta kananjalo nabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21