-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|1 Samuel 19:21|
Waxelelwa uSawule, wasusa abanye abathunywa, baprofeta kananjalo nabo. Waphinda uSawule wasusa abathunywa bengabesithathu, baprofeta kananjalo nabo.
-
22
|1 Samuel 19:22|
Waya naye eRama, wafika kwiqula elikhulu eliseSeku, wabuza, wathi, Baphi na ooSamuweli noDavide? Kwathiwa, Nabaya eNayoti ngaseRama.
-
23
|1 Samuel 19:23|
Waya khona eNayoti ngaseRama, uMoya kaThixo wamfikela naye; wahamba ehamba eprofeta, wada wafika eNayoti ngaseRama.
-
24
|1 Samuel 19:24|
Wazihluba naye iingubo zakhe, waprofeta naye phambi koSamuweli, wawa phantsi eze yonke loo mini, nobo busuku bonke. Ngenxa yoko kwathiwa, Ukubaprofeti noSawule na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21