-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Samuel 1:11|
Wabhambathisa ngesibhambathiso, wathi, Yehova wemikhosi, ukuba uthe wazikhangela ukuzikhangela oku iintsizi zomkhonzazana wakho, wandikhumbula, akwamlibala umkhonzazana wakho, wamnika umkhonzazana wakho umntwana oyindoda: ndomnika uYehova yonke imihla yobomi bakhe; isitshetshe sokucheba asiyi kusondezwa entlokweni yakhe.
-
12
|1 Samuel 1:12|
Kwathi, ekuthandazeni kwakhe uzungu phambi koYehova, uEli wawugqala umlomo wakhe.
-
13
|1 Samuel 1:13|
Ke yena uHana wayethethela entliziyweni yakhe, kubebezela imilebe yomlomo wakhe yodwa, ilizwi lakhe lingavakali; uEli waba uyanxila.
-
14
|1 Samuel 1:14|
Wathi uEli kuye, Koda kube nini na unxila? Yisuse iwayini yakho kuwe.
-
15
|1 Samuel 1:15|
Waphendula uHana, wathi, Hayi, nkosi yam, ndingumfazi omoya unobunzima, andiselanga wayini nasiselo sinxilisayo; ndiphalaza umphefumlo wam phambi koYehova.
-
16
|1 Samuel 1:16|
Musa ukumbalela umkhonzazana wakho ekuthini yintombi yetshijolo; ngokuba unangoku ndithethe ngobuninzi bokukhalaza kwam nokuqunjiswa kwam.
-
17
|1 Samuel 1:17|
Waphendula uEli, wathi, Hamba unoxolo; uThixo kaSirayeli makakunike isicelo sakho osicelileyo kuye.
-
18
|1 Samuel 1:18|
Wathi ke yena, Umkhonzazana wakho lo makababalwe nguwe. Wahamba indlela yakhe umfazi lowo, wadla, ababa samatsha ubuso bakhe.
-
19
|1 Samuel 1:19|
Bavuka kusasa ngengomso, baqubuda phambi koYehova, babuya, bangena endlwini yabo eRama. UElikana wamazi uHana umkakhe; uYehova wamkhumbula.
-
20
|1 Samuel 1:20|
Kwathi ukufezeka kwemila, wamitha uHana, wazala unyana, wamthiya igama elinguSamuweli, esithi, Kungokuba ndamcelayo kuYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4