-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|1 Samuel 1:21|
Yenyuka indoda leyo inguElikana nendlu yayo yonke, ukuba ibingelele kuYehova umbingelelo womnyaka, inesibhambathiso sayo.
-
22
|1 Samuel 1:22|
Ke yena uHana akanyukanga; ngokuba wathi kwindoda yakhe, Kokha kulunyulwe umntwana, ndandule ke ukumzisa abonakale phambi koYehova, alale khona kude kuse ephakadeni.
-
23
|1 Samuel 1:23|
Wathi uElikana indoda yakhe kuye, Yenza okulungileyo emelweni akho; lala ude umlumle; ke uYehova makalimise ilizwi lakhe. Walala ke umfazi, wanyisa unyana wakhe wada wamlumla.
-
24
|1 Samuel 1:24|
Wenyuka naye, akuba emlumle, eneenkunzi ezintathu ezintsha, ne-efa yomgubo, nentsuba yewayini, wamsa endlwini kaYehova eShilo, umntwana lowo esemncinane.
-
25
|1 Samuel 1:25|
Bayixhela inkunzi entsha, bamsa umntwana kuEli.
-
26
|1 Samuel 1:26|
Wathi, Camagu, nkosi yam! Uleli nje umphefumlo wakho, nkosi yam, ndingulaa mfazi wayemi kuwe apha, ethandaza kuYehova.
-
27
|1 Samuel 1:27|
Ndandithandazela lo mntwana; undinikile ke uYehova isicelo sam endandisicela kuye;
-
28
|1 Samuel 1:28|
nam ndiya kumenza oceliweyo kuYehova; yonke imihla yokubakho kwakhe, woba ngoceliweyo kuYehova. Wamnqula khona uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4